Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – Umbutho we Economic Freedom Fighters (EFF) kwi-subregion yaseMbhashe uphawule uSuku loLutsha ngokutyelela amasimi aseMangati eDutywa, apho unikezele ngezithole zokulima kulutsha lwale ngingqi.

U-Asanda Matshobeni, ongumququzeleli (convener) we-EFF kwi-subregion yaseMbhashe, uthi lo mbutho uthathe isigqibo sokuchitha olu suku unceda ulutsha ngezinto eziza kuba luncedo kubomi balo. Uthi oku kuza ngexesha apho ulutsha kwiPhondo leMpuma Koloni lujongene nemingeni efana nendlala nentswela-ngqesho.

UMatshobeni uthi ukuxhasa ulutsha ngezixhobo zokulima yindlela yokulukhuthaza ukuba luzibandakanye nezolimo, nto leyo enokunceda ukukhulisa uqoqosho lwengingqi.

Kusenjalo, omnye wabaxhamli bolu ncedo, uMasimthembe Mosana, uwuncomile lo mzamo esithi inkxaso abayifumeneyo ibalulekile kubo njengabantu abatsha abasaqala kwishishini lezolimo. Ubalise nangohambo lwabo lokuqalisa ukulima kunye nemingeni abajongene nayo endleleni.

Umbutho we EFF ubhiyosele usuku lolutsha ngokuxhasa abantu abatsha eDutywa

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *