Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – Zivuliwe namhlanje izikolo kulo lonke elilizwe nanjengoko abafundi neetitshala bebuyela kumagumbi okufundela ukuya kuqala isiqingatha esibalulekileyo sesithathu kulonyaka mfundo.

Usekela Nqununu kwisikolo i Executive eDutywa uMiss Ntunzi uthi bakulungele ukufundisa kwesisiqingatha kwaye uthi khange bavale ngexesha leeholide zika June nanjengoko bebexhobisa abantwana bebanga leshumi. Uthi oku bakwenza ngeenjongo zokufumana iziphumo zebanga leshumi ezincumisayo kwaye esisikolo saziwa ngokuphumelela ngo 96.6% kunyaka ophelileyo.

UNtunzi uthi bengootitshala babafundi bakwajongene nemingeni yabantwana abanengxaki zakumakhaya abo nto leyo echaphazela iziphumo. Ubongoze abazali ukuba bangabathwalisi abantwana uxanduva ngeengxaki zamakhaya abo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *