Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Umasipala wase Dr AB Xuma utyelele kwisibhedlele sase All Saints eyonikela ngezipho koomama abasand’ukubeleka. Oku ukwenze ukubhiyozela inyanga kaTata uNelson Mandela yokuzalwa. Balithoba oomama abathe baxhamla kwezizipho.

Usodolophu uCllr uSiyabulela Zangqa unikeze ngezizipho esithi bazokukhumbula igalelo likaTata uMandela, benikela kwabo basweleyo, ekhuthaza ukuba abantwana aba bathe banethamsanqa lokufumana ezizipho bayokhuliswa ngendlela efanelekileyo.

Okwisibhedlele ongu Dr Aron Mtsha nongu Nursing Services Manager uthi bayakuvuyela ukufumana ezizipho nangona zingayi kubo, esithi oku kubonakalisa ukuba bakhona abantu abakhathalayo nabakwaziyo ukunceda abanye abantu, kuba ngoku abazali babantwana bakuthatha ngokongeza kuba okuninzi bakufumene, esithi bayabulela kakhulu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *