Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – Ikhaya eligcina abantwana nabantu abadala abangamaxhoba eziyobisi kunye nabo baphila nokukhubazeka iSociety Hope Organization kwigingqi yase Dutywa, libongoza kurhulumente, oosomashihsini naye nabani na onokuthi abengumsamariya olungileyo alincedise kwimingeni eliqela elijongene nayo elikhaya.

Ongumseki welikhaya uBonginkosi Mamba uthi waseka eliziko ngo 2014 kodwa ufumene iimpepha ngokusemthethweni ngo 2021. Uthi iinjongo zakhe kukunceda ulutsha olungamaxhoba eziyobisi kwaye wasungula elikhaya kuba ebona abantwana bephelelwa likamva. UMamba uthi wabona kufanelekile ukuba enze indawo abazakuthi bahlale kuyo ukuze bakwazi ukuqubisana nemingeni abajongene nayo.

Lo ka Mamba uthi noxa kunjalo ujamelene nemingeni eliqela equka ukungabinasakhiwo esikumngangatho onguwo, ukungqongophala kwamanzi kwakunye nokutya nanjengoko beliqumrhu elingafumani nzuzo kurhulumente.

Elikhaya lincedisana nabantwana abaselula libabuyisele esikolweni kwaye libaxhobisa nangezakhono ezifana nokwenza izinto zezandla ezifana neentsimbi zeziXhosa nemizobo.

UMamba uthi bangavuya ukufumana naluphi na uncedo abanokuthi balufumane, ukuqinisekisa ukuba kuncediswana nokubuyisa isidima somntu ontsundu nekamva kulutsha eloyele kwiziyobisi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *