CALA – Isikolo samabanga aphakamileyo iCala S.S.S sithi siliqule saligangatha ukulungiselela iimviwo zebanga leshumi zalonyaka. Esi sikolo sizibona sinethuba lokufumana iziphumo ezihle, emva konyaka wonke wokusebenza nzima nokuzimisela.
Ongutitshala kwesisikolo uZola Mkhoncana uthe amalungiselelo eemviwo ahamba kakuhle, kwaye abafundi basaqhubeka nokuzilolonga besebenzisa amaphepha eemviwo zeminyaka edlulileyo. UMkhoncana ukwathe isikolo siyakukhuthaza ukufundisana phakathi kwabafundi, apho bencedisana khona kwizifundo zabo ukuze baqonde ngcono.
Ngenxa yala malungiselelo, esi sikolo sizibekele injongo yokufumana izinga lokupasa elikumyinge ka-100%, sikwajonge ukuba abafundi bangapheleli nje ekupaseni, koko bafumane iziphumo ezikumgangatho ophezulu.
Kwelinye icala, umfundi webanga leshumi uImange Goba uthe basebenze nzima unyaka wonke bezilungiselela ezi mviwo. Uvakalise nombulelo kootitshala babo ngokungadinwa kwabo ekubafundiseni, bebanika inkxaso nesikhokelo ukuze bakwazi ukujamelana neemviwo ngokuzithemba.
Omnye umfundi uLisakhanya Gecelo uye wathumela amazwi enkuthazo kwabanye abafundi abakwibanga leshumi, ebakhuthaza ukuba bangatyhafi, bahlale bezimisele kwaye baqhubeke nokusebenza nzima njengoko besondela kweli nqanaba libalulekileyo kwimfundo yabo.
