Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Lubhiyozelwe ngokukhethekileyo usuku lwabantu abatsha eSouth Point Butchery eMasonwabe Extension 6 eNgcobo, ngokuthi kunikwe imbeko kwabo badlale indima enkulu ekwakheni uluntu.
Namhlanje abantu abadala banikwe iminqwazi njengophawu lombulelo nokuxabisa igalelo labo elikhulu eluntwini. Umnini wesilarha, uLupho Dyonase, uthi injongo ibikukonwabisa abantu abadala nokubabulela ngendima abayidlalileyo ekukhuliseni nasekuxhaseni abantwana, kuba ngabo abenze ukuba namhlanje kubekho abantu abafundileyo.

Isithwalandwe ebesinike umyalezo woSuku loLutsha, uGqirha Jongi Klass, ukhuthaze ulutsha ukuba luhlale kude neziyobisi, esithi ukusetyenziswa kwazo konakalisa ikamva labantwana abasakhulayo.
UGqirha Klass uthi ulutsha malibuyele kwimikhwa emihle, luzimisele kwimfundo nasekwakheni ikamva elingcono.
