Vukani Community Radio

Story: Khaya Gwentshe / Photos: Supplied

CALA – I-Cala Hawkers Forum kunye noMasipala waseSakhisizwe bavumelene ngokusebenzisana ekusombululeni izikhalazo ezivele kwisicelo esangeniswa ngomhla wama-28 kuMay. Ezi zikhalazo zibandakanya urhwebo olwenziwa ngabantu bamanye amazwe ekutyholwa ukuba basebenza ngokungekho mthethweni, kwakunye nokungacoceki kwedolophu yaseCala.

Kwintlanganiso ebibanjelwe ukuxoxa ngalo mba, amalungu e-forum acele umasipala ukuba athathe amanyathelo ngakubantu bamanye amazwe ekutyholwa ukuba baqhuba urhwebo ngokungekho mthethweni ezitalatweni, esithi amathuba orhwebo olungekho sikweni kufuneka axhamle abahlali beli.

USihlalo we-Forum labaRhwebi, uMasoka, uthe kuvunyelwene ukuba amalungu e-forum namagosa kamasipala azakujikeleza achonge amashishini aqhutywa ngabantu bamanye amazwe ngoLwesihlanu, umhla we-17 ku June. Uthe emva koko umasipala uzakugqiba ngamanyathelo aza kuthathwa kumashishini aza kufunyaniswa esebenza ngokungekho mthethweni.

Omele iSANCO, uNomsa Miso, uthe kubalulekile ukuba abemi boMzantsi Afrika banikwe amathuba okuziphilisa kurhwebo lwasezitalatweni, esithi izinga eliphezulu lentswela-ngqesho lifuna ukuba kubekwe phambili iimfuno zabemi beli.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *