Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photos: Mdaliwoxolo Xhongo

Abahlali baseThornhill, kwaWard 30 kumasipala wase Enoch Mgijima, bathi abonelisekanga yindlela eqhutywe ngayo inkqubo yokunyulwa komgqatswa webhunga. Omnye wabahlali, uNonzameko Kukuma, uthi uluntu lwaseThornhill luziva lungamelwanga kakuhle yikomiti yasekuhlaleni.

Uthi ngexesha lokonyulwa kwabagqatswa abathathu, bava ingathi umgqatswa ababemxhasa washiywa ngaphandle. Ukwathe abahlali baxelelwa emva kwexesha ngentlanganiso, bengachazelwa ngokucacileyo ukuba injongo yayo kukonyula umgqatswa webhunga. Ngenxa yoko, abahlali abaninzi abazange bakwazi ukuya kule ntlanganiso.

UKukuma uthi sele bezifakile izikhalazo zabo kwiProvincial List Committee (PLC), besithi inkqubo ayizange ibenobulungisa kuba abanikwanga ithuba elifanelekileyo lokuthatha inxaxheba.

Kusenjalo, omnye umhlali waseThornhill, uSifiso Spilito, uthi uluntu alonelisekanga nangonobhala we-Ward, esithi izikhalazo zabahlali azihoywa nangona bezamile izihlandlo ezininzi ukuzivakalisa.

Abahlali ngoku bafuna ukuba inkqubo yokonyulwa komgqatswa iqaliswe ngokutsha. Bathi iintlanganiso mazibanjelwe kuzo zombini iindawo zekwa Ward 30, eziquka iZola neThornhill, ukuze bonke abahlali bafumane ithuba elilinganayo lokuthatha inxaxheba kwinkqubo yokonyula umgqatswa webhunga.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *