Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Lunendlu ngoku usapho lakwaNdiki eNyanga eNgcobo, emva kokuba abo bangamatshantliziyo bengakwazanga ukunyamezela imeko ebiphilwa lolusapho.
Oku kuza emva kwesiganeko apho umama wosapho wabulawa kabuhlungu, nto leyo eyashiya abantwana bephila phantsi kobunzima.
Usapho lube nethamsanqa njengoko abantu abaninzi beqhubekile nokuphosa esivivaneni, kwade kwanabemi bangaphandle bengenelela ukunceda.
Kwakhona uMasipala wasekuhlaleni iDr. AB Xuma wenze isithembiso sokunceda nesithe sazalisekiswa ngokunika usapho indlu enempahla yayo nokutya ukuze kuphucuke imeko yabo yokuphila, kwaye uza kulandelela umba wezazisi zabantwana abangenazo emva kokubona imeko enzima abaphila kuyo.
Usapho lakwaNdiki luvakalise umbulelo kubo bonke abantu abathe bahamba nalo kule ndlela inzima, lusithi izinto zibangcono kakhulu ngoku njengoko sele benendawo ekhuselekileyo yokuhlala.

