Story: Khaya Gwentshe
Umfundi onetalente wesikolo samabanga aphakamileyo iCala Secondary School ulindeleke ukuba aqaqambe kwinqanaba elikhulu kule mpelaveki, njengoko ethwele amathemba esikolo kunye nesithili sakhe kukhuphiswano lomculo.
U-Angel Xaki uza kumela isikolo sakhe, iSakhisizwe CMC, kunye neChris Hani East Cluster kukhuphiswano lomculo lwe SASCE oluzakubanjelwa eMthatha kule mpelaveki.
Uhambo lukaXaki kolukhuphiswano luphawulwe yimpumelelo eqhubekayo. Uqale waphumelela kwinqanaba le-circuit, emva koko waphinda wathatha indawo yokuqala emele iSakhisizwe CMC kwicandelo leMezzo Soprano eNyanga Senior Secondary School kutsha nje. Le mpumelelo imnike ithuba lokufikelela ngaphaya kwenqanaba lesithili okokuqala ukusukela oko waqala ukucula eyedwa.
Ethetha ngempumelelo yakhe, uXaki uthe unombulelo omkhulu ngelithuba lokufikelela kude kangaka, esithi umculo usoloko uyinto ayithandayo. Uthe ukufikelela kwelinqanaba kuyinto enkulu kakhulu kuhambo lwakhe njengomculi omncinci ocula yedwa.
Kusenjalo, umqeqeshi wekwayala eCala Secondary School uLuthando Qhantsi, uvakalise ukuzingca ngempumelelo kaXaki, esithi isikolo sizixabisile iinkqubo eziphuhlisa iitalente zabafundi ngaphandle kwegumbi lokufundela. Uthi le mpumelelo iyanceda ekwandiseni ukuzithemba kwakhe kwaye yamomeleza ekukholelweni kwizakhono zakhe uXaki.

Njengoko elungiselela uhambo lokuya kukhuphiswano, uXaki uthi angaluvuyela naluphi na uncedo, njengoko evela kusapho olungathathi ntweni kwaye ekhuliswe ngumakhulu wakhe naye onomnqweno wokumbona ephumelela emculweni.
Ejonge phambili, uXaki uthi unethemba lokuqhubekela phambili antinge kwezomculo aze aqhubeke nokwakha phezu kwesiseko asele esakhile ngolukhuphiswano lwezikolo nokucula kwiikwayala.
