Vukani Community Radio

CALA – I-National Development Agency (NDA), kunye nenkampani ephehla umbane u-Eskom zinikezele ngezixhobo zokufunda nokufundisa kumaziko angama-28 ophuhliso lwabantwana abancinci, i-ECD, kuMasipala wasekuhlaleni waseSakhisizwe.

Unikezelo lokuqala lwezi zixhobo lwenzeke namhlanje eNosiseko Pre-School eCala, njengenxalenye yenkqubo eza kuqhubeka iveki yonke ukuya kutsho ngoLwesihlanu. Ezi zixhobo zijolise ekuphuculeni iimeko zokufunda nasekuqinisekiseni ukuba abantwana bafumana amathuba angcono emfundo besebancinane.

Ngokutsho komphathi weNDA ephondweni uNokulunga Skeyi, ubambiswano phakathi kwe-NDA ne-Eskom lujolise ekomelezeni iinkqubo ze-ECD, ekuxhaseni imibutho esekwe eluntwini nasekunciphiseni intlupheko kuluntu olusemngciphekweni.

USkeyi uthi bayabulela ngenkxaso nentsebenziswano abayifumene kubaxhamli. Uthi banethemba lokuba eli nyathelo liza kuba negalelo elikhulu kwikamva loluntu lwaseSakhisizwe.

Kwelinye icala, uNomsa Miso, ongumsebenzi kwiziko le-ECD elixhamle kolu ncedo, ucele umasipala ukuba uncede ekuboneleleni ngamaziko afanelekileyo nawonela abantwana.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *