Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photo and Video: Xabisa Ngcanga

Amapolisa esithili sase Chris Hani ebebambe umsitho wokubhiyozela uSuku lwaBantu abaPhila nokuKhubazeka kuKomani , ngenjongo yokubonisa ukubaluleka kokubandakanya abantu abaphila nokukhubazeka kuluntu nakwiindawo zokusebenza.

UCaptain Xolani Vava, onguStation Commander kwisikhululo saseBholotwa, uthi olu suku lubhiyozelwa rhoqo ngomhla wesi-4 kweyoMsintsi, ngenjongo yokubonisa ukuba abantu abaphila nokukhubazeka bamkelekile kwaye babalulekile eluntwini nakwiindawo zokusebenza.

Uthi umsitho ukwajolise ekuqokeleleni imali eza kunceda abantwana abazalwa ngabazali abaphila nokukhubazeka.

Kwelinye icala, uMkomishinala wamaPolisa kwisithili saseChris Hani, uMajor General Rudolph Adolph, uthi olu suku lithuba lokubhiyozela oogxa babo abaphila nokukhubazeka. Uthi amapolisa akababoni abantu abaphila nokukhubazeka njengabantu abahlukileyo, kodwa babajonga njengabalingane abanobuchule bokwenza umsebenzi njengabo bonke abanye.

UAdolph uthi nemidlalo ebidlalwa ngexesha lomsitho ibonise ukuba abantu abaphila nokukhubazeka bayakwazi ukuthatha inxaxheba kwaye benze izinto ezifanayo nabanye.

Uthi amapolisa awacalucaluli mntu ngenxa yokukhubazeka, nokuba ngabasebenzi okanye ngabantu abafuna iinkonzo zamapolisa. Uthi zonke iiofisi zamapolisa zizama ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyafikeleleka kwaye uyakwazi ukufumana iinkonzo ngaphandle kokuphathwa ngendlela eyahlukileyo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *