Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Idolophu yaseNgcobo ibuyela esiqhelweni emva kwengxokolo ebinkulu ebiphazamise ubomi bemihla ngemihla babahlali. Namhlanje izinto zibuyele kundalashe. Abantwana baye ezikolweni, iivenkile ziqhuba ushishino ngokwesiqhelo, neemoto zihamba ngokukhululekileyo ezitalatweni. Nabo baqhuba amashishini ezitalatweni bayaqhubeka nomsebenzi wabo.
Oku kulandela intlanganiso enkulu ebibanjwe izolo, apho kuye kwavakala ukuba abasemagunyeni baza kusabela kwizikhalazo zoluntu lwaseNgcobo. Abasemagunyeni banikwe iintsuku ezilishumi elinesine ukuba babuye neempendulo malunga nemiba ephakanyiswe ngabahlali. Okwangoku, imeko ibonakala ibuyela esiqhelweni, ngelixa uluntu lulindele iimpendulo.
