Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTYWA – Bekuluvuyo kwisikolo samabanga aphantsi I-Mputi SPS namhlanje nanjengoko sifumane imigqomo yenkunkuma kwiphulo likamasipala iMbhashe. Eliphulo lococeko lijolise ekukhuthazeni indawo yokufunda esempilweni necocekileyo.

Inqununu yesikolo uMnu. Simbonile Ngqwena uthi kuluchulumanco kakhulu kwaye uyayamkela lenkqubo, evakalisa ulonwabo ngemizamo kamasipala yokuxhasa izikolo nokukhuthaza ucoceko kuluntu. UNqwena ukwathi oku kukhuthaza abafundi ukuba bathathe uxanduva lokugcina indawo yesikolo sabo icocekile kwaye baphuhlise imikhwa emihle yokulawula inkunkuma.

Ukanti le nkqubo, exhaswa nguMasipala wengingqi waseMbhashe, ijonge ukukhuthaza ulawulo olufanelekileyo lwenkunkuma nolwazi ngokusingqungileyo phakathi kwabafundi kunye nabasebenzi.

Okhokela iinkonzo zoluntu uCllr Gxamthwana uthi lenkqubo iyinxalenye yemizamo yokudala izikolo ezicocekileyo, ezisempilweni nezinobuhlobo nokusingqongileyo kumasipala iMbhashe.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *