Story: Nikilitha Burns / Photo: Onwabile Lubabalo Mbana
NDLOVUKAZI – Abazali babafundi abafunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdlovukazi eKomani babambe intlanganiso emva kweziganeko zobundlobongela ezibandakanya abafundi abathathu.
Omnye wabazali, uMama Waqa waseLesseyton eNdlovukazi, uthi abazali bagqibe ekubeni abantwana abangathobeliyo imithetho okanye abalwayo esikolweni bahlale emakhaya, logama abazali besithi baza kubeka imiqathango engqongqo kubantwana babo.
Omnye umzali, uMama Nomazotsho Kopolo, uthi abazali abazukulilahla ithemba ngesikolo, kodwa lixesha lokuthatha amanyathelo ngabantwana abanobundlobongela.
Uthi okubakhuthazileyo kukuba kuthunyelwe ummeli ovela kurhulumente wephondo, omamele izikhalazo zabazali waza wathembisa ukuba kwintlanganiso elandelayo kuza kubakho amasebe ahlukeneyo karhulumente aza kuthetha nabafundi.
