Story: Zimasa Mbandezelo / Photo: Supplied
COFIMVABA – Bamemelela ukukhathalelwa ngurhulumente abakumbutho wabangcwabi kwiphondo leMpuma Kapa, oku kuza nanjengoko abakumbutho obizwa Abangcwabi baseMpuma Koloni Forum bebanga ngelithi bayacinezeleka yimibutho yabangcwabi abamhlophe, nalapho le mibutho ikwazi ukuba batyale kuyo imali kodwa kwayona iphinde izokwenza ushishino lokungcwaba ngokomgangatho abangcwaba ngalo bengabangcwabi abantsundu.
U-Wandile Matyeni ongumsunguli walombutho ukwatyhola urhulumente ngokungabasi so bengabangcwabi kuba alikho isebe likarhulumente elisondele kubo. Ebongoza ukusondela kukarhulumente ukuze bazazi isebe abaphantsi kwalo bengumbutho wabangcwabi kwiphondo leMpuma Kapa.
Ukwatyhole isebe lemicimbi YezeKhaya ,nesebe lezeMpilo ngokubadobelelela phantsi nanjengoko bengenamkhondo.
