Vukani Community Radio

Story: Asive Matwa

DUTWA – Isikolo samabanga aphantsi i-AB Siwendu sibambisene nosapho noluntu lwase Auckland besibambe inkonzo yesikhumbuzo yomntwana oneminyaka esibhozo ubudala owabhubha emva kokuxhwilwa, wadlwengulwa ze wabulawa kwiveki ephelileyo.

Usapho, abahlobo, amasebe aseburhulumenteni namalungu eMoral Reganaration Movement badibene ndawonye ukuze bahloniphe bekwakhumbula ubomi buka Olumiyo Gamelana.Ukubhubha kuka Olumiyo kushiye usapho noluntu luzele lusizi olukhulu, kwaye abaninzi bafuna ubulungisa kunye nokhuseleko olungcono lwabantwana.


Ilungu losapho USinovuyo Gamelana uthi noxa bedandathekile kodwa iyabaxolisa indlela ingalo yomthetho elusingathe ngayo lemeko. Kusenjalo ilungu lombutho iMoral Regenaration Movement uTata Nyathela uthi bayawukhalimela umkhwa okumila kunje.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *