Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photos: Thandokazi Ntsumpa

KOMANI – Abahlali baseMlungisi bangenelele ukulwa imilo phakathi kwabafundi ezikolweni.

Njengoko kuqhubeka imilo phakathi kwabafundi kwizikolo ezahlukeneyo zakwilokishi yaseMlungisi eKomani, abahlali bathathe inyathelo lokuzama ukunqanda lo mceli-mngeni.

UBulelani Qowa, ongumhlali waseMlungisi osebenzisana nee-forum zasekuhlaleni, uthi emva kokufumana iingxelo zokuba kukho impixano phakathi kwabafundi kwezinye zezikolo zale ndawo, bagqibe ekubeni baqhube iphulo lokwazisa nokukhuthaza abafundi ukuba bayeke ubundlobongela.

Uthi eli phulo beliphantsi kwesihloko esithi “Boyhood to Manhood”, kwaye liqhutywe kwizikolo eziquka iJohn Noah High School kunye neKwaKomani High School.

UQowa uthi bakwacela abazali ukuba basebenzisane nabo, ingakumbi ekuqinisekiseni ukuba abantwana abaphumi ebusuku ngaphandle kwesizathu, njengendlela yokuzama ukubuyisela ucwangco nokhuseleko eMlungisi.

UQowa uthi njengabahlali bazimisele ukusebenza nzima ukunqanda ukuphuma kwabantwana ebusuku nokulwa ulwaphulo-mthetho kule ndawo.

Uthi bakwaceba ukuvuselela iNeighbourhood Watch ukuze kubekho abantu abazula kwiindawo ezahlukeneyo zaseMlungisi, bejolise ekubambeni ucwangco nasekuncedeni ekuthinteleni ulwaphulo-mthetho.

Abahlali bakwathe bazimisele ukusebenzisana ngokusondeleyo namapolisa, kwaye bacela nenkxaso kuMasipala, ngakumbi kwicandelo leCommunity Safety, ukuze kudityaniswe imizamo yokwakha uluntu olukhuselekileyo nokukhusela abantwana kubundlobongela nakwezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *