Vukani Community Radio

Story: Khaya Gwentshe

CALA – Oosomashishini abasebenza ngeenwele nokucheba eCala bazama ukuziqhelanisa notshintsho kwicandelo lamashishini angacwangciswanga, kulandela ukuvalwa kweesaluni ekuthiwa beziphethwe ngabemi bangaphandle.

Oosomashishini abasasebenzayo bathi ukuvalwa kwazo akwenzanga mahluko mkhulu, kuba abo bavale iivenkile basaqhubeka nokubonelela ngeenkonzo emakhayeni abo. Nangona kunjalo, uPhumela Mandleliza uthi ukuvalwa kwazo kudale amathuba amatsha, njengoko befumana abathengi abatsha abaza edolophini baze bafune ezinye iindawo xa befumanisa ukuba ezinye iisaluni zivaliwe.

Kwelinye icala, uFikiswa Mbalo uthi unethemba lokuvula ishishini elilelakhe. Okwangoku usebenzisa indawo okwethutyana kwisaluni eqhutywa ngumntu waseMzantsi Afrika, ngelixa ekhangela indawo yakhe.

Aba somashishini bathi olu tshintsho lubanceda ekufumaneni abathengi abatsha, ngelixa lubavulela amathuba okukhulisa amashishini abo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *