Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Akukho shishini luqhubayo eNgcobo nanjengoko idolophu isavalwe gingci, kuquka noMasipala uDr AB Xuma, ongasebenziyo ngenxa yoqhankqalazo.

Iimoto zisangxange phambi kwe-ofisi kamasipala, njengoko abo bakuqhanqalazo bengekafumani mpendulo kwiimfuno zabo.

Olu qhankqalazo lungena kusuku lwesihlanu namhlanje.

Imeko ichaphazela abantu abaninzi, kuquka oosomashishini abangakwaziyo ukuthengisa kunye nabafundi abangakwaziyo ukuya ezikolweni.

Uluntu lusajonge ukuba abasemagunyeni baza kusabela nini ukuze kubuyiselwe iinkonzo nempilo yesiqhelo eNgcobo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *