Story: Nikilitha Burns
KOMANI – Ulawulo lwe-Ikhala TVET College luthi luthathe uxanduva kwezinye zeempazamo ezikhokelele kuqhankqalazo lwabafundi olusandula ukwenzeka kwikhampasi yaseZibeleni, emva kokuba abafundi bevakalise ukungoneliseki kwabo ngendlela ezithile izikhalazo zabo ebeziphathwa ngayo.
USekela Nqununu wale kholeji, uLunga Malindi, uthi iziphumo zophando lwangaphakathi olwenziwe yikholeji zibonise ukuba impazamo eyakhokelela ekubeni abanye abafundi bangazifumani iimvume zokubhala iimviwo ibibangelwe ngamacala omabini, kuquka nekholeji ngokwayo.
UMalindi uchaze ukuba umgaqo-nkqubo wekholeji ufuna ukuba umfundi ngamnye atyikitye ecaleni kwegama lakhe ngexesha leenkqubo ze-prelims. Noko kunjalo, uvumile ukuba ikholeji bekufanele yenze uphando oluthe vetshe xa kufika amaxwebhu okanye uluhlu lwamagama olungaphelelanga.
Uthe ulawulo lwekholeji luye lwathetha-thethana nabachaphazelekayo ngenjongo yokufumana isisombululo, nalapho kwagqitywa ukuba abafundi abachaphazelekayo bazanyelwe ukufumana iimvume zethutyana zokubhala iimviwo. UMalindi uthe njengabakhokheli bekholeji baye bacela uxolo kubafundi baza bathatha uxanduva ngempazamo eyenzekileyo. Ngokutsho kwakhe, ukungatyikityi kwi-prelims akudli ngokuba sisizathu sokuba umfundi anganikwa imvume yokubhala iimviwo. Uveze ukuba kwesinye sezi meko, ikholeji ayizange ithumele isatifikethi sikagqirha somfundi owayesesibhedlele, nto leyo eyakhokelela ekubeni loo mfundi angayifumani imvume yokubhala.
UMalindi ukwathe umgaqo-nkqubo wekholeji awuvumeli ukuba umfundi adlulele kwinqanaba elilandelayo ngaphandle kweziphumo. Ngenxa yoko, ikholeji icebise ukuba abafundi ababini abachaphazelekayo baphinde inqanaba ababekulo, logama izifundo zabo ziza kuhlawulwa yikholeji kuba bengasayi kuxhaswa yi-NSFAS.
Ngexesha loqhankqalazo, abafundi babekhalazela ukungafakelwa kweziphumo zokuphela konyaka zomnye umfundi, nto leyo abathi ichaphazele kakubi ikamva lakhe kwezemfundo. Batyhole ulawulo ngokungaphenduli ngokukhawuleza kwizikhalazo ebezisoloko ziphakanyiswa ixesha elide.
Ngosuku loqhankqalazo, abafundi abane bathi bavalelwa kodwa bakhululwe ngebheyile yamahala emva kokuvela enkundleni ngezityholo zokonakalisa izithuthi zamapolisa. Eli tyala limiselwe umhla we-13 kweyeKhala 2026.
Omnye wabafundi, uSamkelo Mdayi, uthi injongo yoqhankqalazo lwabo ayikokudala isiphithiphithi, koko kukufuna ubulungisa, ukuphendulwa kwezikhalazo zabo kunye nokuqinisekisa ukuba bonke abafundi baphathwa ngokufanayo nangokufanelekileyo yikholeji.
