Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Abahlali baseGqutyini eNgcobo bebebambe intlanganiso apho bathethe ngazwi linye besithi bafuna ukukhetha uceba oza kubamela kakuhle aze azise iinkonzo ezisisiseko kuluntu lwabo.

Le ntlanganiso ibizinyaswe nangabameli bombutho wezopolitiko i-African Transformation Movement (ATM), nabakhuthaze abahlali ukuba bazikhethele umntu abamthembileyo ukuba uza kulwela iimfuno zabo. Bathe kubalulekile ukuba uluntu lukhethe inkokeli eya kuthi xa kukho iingxaki okanye iimfuno, ikwazi ukulandelela izisombululo ngaphandle kokuba abantu basokole.

Abahlali bavakalise ukungoneliseki kwabo ngemeko abaphila phantsi kwayo, besithi basahleli kwiimeko ezinzima. Bathi basajongene nengxaki yokungabikho kwamanzi kwaye uninzi lwabo alukaze luxhamle kwizindlu zesibonelelo sikarhulumente.

Bathe umntu abaza kumvotela ngulo baza kuba nethemba lokuba uza kuqinisekisa ukuba ezi ngxaki ziyasonjululwa kwaye iinkonzo ziyafika kuluntu.

Umama uLwana we-ATM ukhuthaze abahlali ukuba bakhethe umntu abamthembileyo kwaye baqiniseke ngesigqibo sabo ukuze iimfuno zoluntu zikwazi ukufikelela kwabasemagunyeni. Ukwathe kubalulekile ukuba ulutsha lungashiywa ngaphandle xa kusenziwa iinkqubo nophuhliso kuluntu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *