Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Umasipala waseDr AB Xuma ubambe usuku lwe-Wellness kwindawo yaseManzana eNgcobo, apho bonke abasebenzi baphume ezi-ofisini ukuze bathathe inxaxheba kwimidlalo nakwiinkqubo zokuxhobisa impilo-ntle yabo ngokwasengqondweni nasemzimbeni.
Kolusuku bekukho neengcali ezimenyiweyo ukuba zithethe nabasebenzi, kuquka noGqirha Zitha waseNgcobo.
USodolophu kaMasipala, uCllr Siyabulela Zangqa, uthi babone kufanelekile ukuba bahlanganise abasebenzi kuba bejongene nemingeni emininzi emsebenzini. Uthi injongo yale nkqubo kukubanika ithuba lokuphumla, ukuphefumlelana, ukuxhobisana nokuzonwabisa ngemidlalo. Ukwathi babize namanye amacandelo ukuba azokuxhasa kwaye abe yinxalenye yalo msitho.
ULizeka Bhonga Tyhali, osebenza kwicandelo le-Wellness kwanakwikomiti eququzelele olu suku, uthi kubalulekile ukudibanisa abasebenzi kuba nabo baneengxaki abajongana nazo ebomini. Ucacise ukuba ukuzilolonga nokugcina impilo entle kunceda umntu akwazi ukucinga kakuhle, asebenze ngempumelelo, kwaye ancede uluntu ngendlela efanelekileyo. Uthi abasebenzi bakamasipala bahlala besebenza kwiimeko ezinokubangela uxinzelelo ngamanye amaxesha.
UGqirha Zitha, ongumnini wekhemesti eNgcobo, ukhuthaze abasebenzi ukuba bathethe xa bejongene neengxaki zempilo yengqondo. Uthi kubalulekile ukulwa nesifo sokudakumba (depression) ngokufuna uncedo nangokungazigcini iingxaki umntu azijongene nazo.
Lo msitho ubujolise ekukhuthazeni impilo-ntle, umanyano nenkxaso phakathi kwabasebenzi ukuze bakwazi ukusebenza ngcono nokunika iinkonzo ezisemgangathweni kuluntu.
