Vukani Community Radio
Baphazamise umsitho abahlali baseKomani benyanzelisa ukuhoywa ngumasipala wase Enoch Mgijima

Story: Nikilitha Burns / Story and Video: Mdaliwoxolo Xhongo

KOMANI – Abahlali bakuKomani bathe bafika ngesivinini kwinkqubo ebanjwe lisebe Lezoqoqosho, Okusingqongileyo noKhenketho (DEDEAT) eThobi-Kula Indoor Sport Centre betyhola ngelithi uMasipala wesithili sase Chris Hani uyazibaleka iingxaki zabahlali.

Ngokutsho kuka Thulani Bukani abahlali abazanga ngozobhoxa lomyadala koko ke bafuna uhoyo kumasipala njengoko bevile ukuba bazimase oku, oku kuza emva kokuba abasebenzi be Siyazi security bengabhatalwanga imali zabo ukusukela ku December wonyaka opheleleyo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *