Story: Zimasa Mbandezelo
NGCOBO – Baziswe ngokusesikweni abagqatswa bombutho we African Transformation Movement (ATM) eNgcobo kwi Rally ebanjelwe ku Manzana, nanjengoko sele kungekude kuyiwe eluvotweni.
U-President wombutho uTata uNongqunga ebeyinxalenye yale Rally.
Kanti, umbutho lona ubuthe gqolo ukuya kuluntu uyomamela izikhalo, abayinxalenye ye Rally bavakalise ukuba bajonge lukhulu kulombutho befuna uphathe ukuze bazobona utshintsho, kuba bathi basengxakini enkulu iInkonzo zikarhulumente abazifumani ngokufanelekileyo, bejonge kwa nesikhokhelo esitsha.

