Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka / Photos: Supplied

NGCOBO – Umphathiswa weSebe leNgqesho Nabasebenzi (Employment and Labour) uNomakhosazana Meth ebetyelele kumasimi akwaDalasile Agri Park kwi project ebizwa Zwelakhe Primary Co-operatives ukuyojonga umsebenzi ukuba uqhuba kakuhle.

Ukwaqwalasele nenkqubo evelisa amathuba okuqeqesha ulutsha olungapha kwama-3000 kwinkqubo ka Labour activation programme.

Umphathiswa uMeth uvakalise ukuba basebenza bonke nale project neqale kunyaka ka 2025 neyathi yanikezwa emali engange R9,6million ukuze iqalise ukusebenza xa kungoku bazojonga ukuba kumaxa kundawoni nomsebenzi kuba bazawuphinda baqalise ezinye iinkqubo, esithi bonwabile kuba abo bayi 900 kwi 3000 sele begqityiwe ukuqeqeshwa nto leyo ababona lizakukhula icala lokulima, amathuba emisebenzi azakuvuleka.

U-Yanga Dalasile ojongene ngqo nale programme yakwa Labour Activation uthi olutyelelo lubancede kakhulu kuba bazawutsho bajonge nezikhalo ebezibakhona kubafundi zilungiseke.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *