Story: Nikilitha Burns / Photos: Xabisa Ngcanga
KOMANI – IBorder-Kei Chamber iqhubeke nemisebenzi yokubhiyozela iNyanga yaManina ngomsitho weBingo Breakfast ojolise ekuxhobiseni nasekukhuthazeni amanina.
UNkosikazi Marisca Burmeister, ongu Branch Coordinator, ubulele bonke abathe bazimasa lo msitho, esithi ukubakho kwabo kubonisa ukuzibophelela ekuxhaseni nasekukhuthazeni amanina.
Kulo msitho, obesaziwa njengeGuest Speaker, uLungiswa Mandlendoda, ukhuthaze amanina aselula ukuba ajonge amathuba okuziphuhlisa ngokuvula amashishini okanye afunde izifundo ezifutshane ezinokubanceda ekuzivuleleni amathuba oshishino.
UMandlendoda uthe amanina akufuneki axhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente kuphela, kodwa makasebenzise izakhono namathuba akhoyo ukuze akwazi ukuzimela ngokwezoqoqosho.
Lo msitho ubujolise ekudaleni iqonga apho amanina anokukhuthazeka, afumane ulwazi aze akhuthazwe ukuba athathe inyathelo ekuphuhliseni ubomi noqoqosho lwawo.
