Story: Nondumiso Mpaka
NGCOBO – Umasipala wesithili sase Chris Hani utyelele kwilali yase Deberha eNgcobo ukuzonikeza ngamatanki, imibhobho kwakunye nezinye izixhobo ezincedisa ukuphucula indlela yamanzi.

Ezizixhobo zizakuncedisa ekwenzeni umthombo we Spring Water ukuze kungaphinde kubekho ngxaki yamanzi kwindawo lena. Abahlali bavakalise ukuba kudala bewasokola amanzi ngoku bazakuncedakala kuba azakutsalwa kwindawo ezingatshiyo.
OnguSodolophu kumasipala wesithili sase Chris Hani uCllr Lusanda Sizani uthi balisabele ikhwelo ngoku bazokunikeza ngezizixhobo kuba kudala abahlali balendawo bekhala ngamanzi, ngoku bafaka imtihombo ye Spring Water kwindawo zonke kuba ingxaki zamanzi zininzi kodwa uthi ngoku bazimisele ukulwana nalengxaki kungoko bezise ezizixhobo.

