Story: Khaya Gwetshe
CALA – Abahlali baseLower Seplan eCala bafuna inkundla inike isigwebo esifanelekileyo kubarhanelwa ababini abatyholwa ngokuhlukumeza amabhinqa amabini, nalapho omnye kubo wabulawa waza omnye wahlatywa.
Abahlali, bekunye nesigqeba seLower Seplan Development Structure, bakuveze oku ngexesha abarhanelwa bevela kwiNkundla kaMantyi yaseCala kutshanje, apho bebebambe uqhankqalazo ngaphandle kwenkundla.
USihlalo wesigqeba, uNkosinathi Mvumbi, uthe uluntu luzimisele ukuqinisekisa ukuba abarhanelwa abakhululwa ngebheyile kwaye bajongana nengalo yomthetho. Uthe ukusukela oko babanjwa kunyaka ophelileyo, uluntu luqhube iphulo lokuchasa ibheyile, kuquka nokutyikitya i-petition nokwenza uqhankqalazo ngalo lonke ixesha elityala lixoxwa.
Eli tyala limiselwe ukuqhubeka ngomhla wesi-02 ku October 2026.
