Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Isebe lezoPhuhliso loLuntu libambisene noMasipala waseDr AB Xuma libambe usuku lwe-Information Day apho bememe ulutsha kwakunye nabo baqhuba amashishini ukuba bazokufumana ulwazi olubalulekileyo malunga nokuqalisa nokuphuhlisa amashishini abo, kwakunye nabo basacinga ukungena kweli candelo.

USodolophu woMasipala, uCllr Siyabulela Zangqa, uthe injongo yalo msitho kukuxhobisa oosomashishini ngolwazi namathuba anokubanceda bakhulise amashishini abo. Uthe bakwabizwe ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kwiiprojekthi zophuhliso nezokwakha eziza kuvulwa kwixesha elizayo. Ukwakhuthaze ulutsha ukuba lujonge amathuba akwicandelo lezolimo ngokubuyela emasimini luyolima ukuze luzenzele amathuba emisebenzi.

Abantu abatsha balisabele ikhwelo besithi bafuna ukuncediswa kumashishini abo, ingakumbi kwinkxaso-mali, uqeqesho kwakunye nokufumana amaxwebhu neemvume eziyimfuneko ukuze bakwazi ukuqhuba amashishini abo ngaphandle kwemiqobo. Bathe olu suku lubanike ithuba lokufumana ulwazi ngqo kumagosa karhulumente nakumaziko axhasa amashishini.

Abanye babathathi-nxaxheba bavakalise ukuba banethemba lokuba olu lwazi luza kubanceda ekwandiseni amashishini abo nasekudaleni amathuba emisebenzi kuluntu lwabo. Bakwabongoze urhulumente ukuba aqhubeke nokusondeza iinkonzo kubantu ukuze kube lula ukufikelela kwiinkqubo zophuhliso noqoqosho.

Abantu abatsha balisabele ikhwelo besithi bafuna ukuncediswa kumashishini abo

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *