Story: Khaya Gwentshe / Photos: Supplied
CALA – Usapho noluntu lwaseCala lukhumbule ubomi bukaBatandwa Ndondo, owabulawa ngomhla wama-24 kuSeptemba 1985, owabulawa ngamapolisa aseTranskei.
Esi sikhumbuzo siquke nokuphehlelelwa kwencwadi ebhalwe ngudadewabo, uPhathiswa Mathuse Qokweni, enesihloko esithi The Decade of Torment and Its Aftermath. Le ncwadi ibalisa ngamava osapho lakwaNdondo nolwakwaNtsebeza ngexesha localucalulo, kuquka nokuvalelwa kwababini abazalwa nombhali, UNdondo yena wadutyulwa wabulawa.
Ngokutsho kosapho, uNdondo wayeyindoda enesidima, ezinikele kwizidingo zoluntu ekhathalele nosapho lwakhe.
UQokweni ukhuthaza ulutsha lwaseCala ukuba luyifunde le ncwadi ukuze lufunde ngembali yendawo, ngakumbi ngamava abantu baseCala ngexesha localucalulo nanjengo uninzi lweziganeko ezibaliswa kule ncwadi zenzeka eCala.
Usapho luthi eli phulo lijolise nasekugcineni inkumbulo kaNdondo kunye nembali yosapho ukuze idluliselwe kwizizukulwana ezizayo.

