Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Ziyaqhuba iintlanganiso zokukhethwa kooCeba kuMasipala wasekuhlaleni iDr. AB Xuma.

Kwezi ntlanganiso, abahlali kwiWadi nganye bakhethe amagama abantu abanqwenela ukuba babamele njengooCeba, phambi kovoto oluza kubanjwa ngomhla wesine kweYenkanga.

Abo bathe bonyulwa kwezi ntlanganiso baye bangenela inkqubo yokucela inkxaso kubahlali ukuze bafumane iivoti zabo kuvoto oluzayo.

Usodolophu waloMasipala, uCllr. Siyabulela Zangqa, uthe bayaxakeka njengoko beqhuba le nkqubo yokunyulwa koCeba, kodwa uyavuya kuba yonke le nkqubo iqhuba ngoxolo nemvisiswano.

Uthe akukho zixholoxholo ezithe zavela, kwaye inkqubo ihamba kakuhle kwiindawo zonke.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *