Story : Zimasa Mbandezelo
TSOMO – Uluntu kwiilali ezisondele kwilali yakuNgqumeya, eTsomo luhlanganise eNgqumeya ukubhiyozela inyanga yokuzingca ngamafa nenkcubeko, lomsitho weentsuku ezimbini uqale ngokutyelela kwiintaba kunye namawa ngenjongo zokuvuselela nokhuphuhlisa ezokhenketho.
Ukanti uVusumzi Mabini ongomnye wabaququzeleli uthi bekubanjwe lomsitho weentsuku ezimbini apho bekunikezelwa ngolwazi kuquka nokuwongwa kwamaqhawe awa kwidabi lwenkululeko yeli lizwe.
Ukwathi esinye sezizathu zokubanjwa kwale nkqubo kukuba baphawule ukuba le ndawo yakuNgqumeya ayixhatshakelwanga kukubanjwa kweminyhadala nondwendwelwa, kwa nokufumana ulwazi olulahlekileyo nanjengoko kukho ukubhideka okubangwa kukuba abantu becinga iNgqumeya le iphantsi komasipala waseMnquma logama iseVuyisile Mini ngenxa yemicimbi yocando lwemida.
Kunjalo, omnye wabahlali, uJongikhaya Nombakuse uthi kukho iitalente ininzi kulommandla kodwa ngenxa yokungafumani thuba lokuziveza kolutsha ayibonakali. Esithi banovuyo lolusuku nanjengoko behlanganisene ndawonye beluluntu kuquka ulutsha nabantwana.
