Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Baphila phantsi kwemeko emaxongo abosapho lakwa Nokalana kwilali yaseXholosini eNgcobo. Umakhulu uNomakhwezi Nokalana, oneminyaka emalunga nama-75 ubudala, uhlala nomzukulwana wakhe uAthenkosi Nolakana ominyaka ingama 21 kwibhangala, kwaye bobabini bacela uncedo kuluntu nakwabo banokuthi babancedise.

UNomakhwezi uphila ngesibonelelo sikarhulumente, kodwa imeko ahlala phantsi kwayo imbi kakhulu. Indlu yabo ayikho kwimeko efanelekileyo, nto leyo eyenza ubomi babo bemihla ngemihla bubenzima. U-Athenkosi uthi kunzima ukuhlala nomakhulu kuba akasakwazi ukuzenzela izinto ezininzi kwaye uxhomekeke kuye phantse kuyo yonke into. Uthi nokumsa kumaziko ezempilo kuba ngumngeni ngenxa yeemeko abaphila phantsi kwazo.

Uthi ngenxa yalemeko nabo bobabini baphila nzima kwaye bayasokola. Usapho lakwaNokalana luthi lunethemba lokuba kukho abantu abanentliziyo enobubele okanye imibutho enokuthi iluphulaphule olu khwelo, ibancedise bafumane indawo yokuhlala engcono kunye nenkxaso kwezinye iimfuno zabo ezisisiseko.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *