Vukani Community Radio
;

Story: Asive Matwa / Photos: Supplied

DUTYWA – Limiselwe umhla wesixhenxe kuOctober ityala labarhanelwa abahlanu ababanjwe ngokoyamene nokutshiswa kwebhasi yakwa AB350 eChizela eDutywa izolo.

Abarhanelwa bavele ngokufutshane kwinkundla kamantyi eDutywa kwaye bagcinwe eluvalelweni de bafake isicelo sebail. Kutyholwa ukuba abarhanelwa bakhuphe ngetshova abakhweli kulebhasi ze bayintumeka ngomlilo.

Ukanti, basothukile abo bebekhwele kulebhasi ngethuba lesisiganeko.

Ojongene nokhuseleko kumasipala wase Mbhashe uNonurse Mlungu uthi bayazikhalimela izenzo zodushe. Uthi abarhanelwa abahlanu bajamelene nezityholo zokonakalisa impahla ngabom, ukuphanga kunye nokuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa abantu.

Nonurse Mlungu

Ukanti umphathi we taxi kumbutho iDutywa Associate uLucus Ncwane uthi bona njengabaphathi beshishini lezithuthi abanalwazi ngonobangela wesisehlo nokuhlaselwa kweebhasi.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *

;