Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photos: Mdaliwoxolo Xhongo

EZIBELENI – Usapho lwakwa-Apolosi eZibeleni luthi luyabulela ngoncedo olufumeneyo lokulungiselwa indlu yalo ngexesha kuqhutywa iphulo le-67 Minutes lokubhiyozela usuku lokuzalwa kukaTata uNelson Rolihlahla Mandela.

Ilungu losapho, uSandile Apolosi, uvakalise ulonwabo olukhulu esithi bayachukumiseka kukuba iCawe yamaWisile ithathe inyathelo lokubanceda ngokuthi ipeyinte indlu yabo.

USandile uthi olu ncedo lufike ngexesha apho usapho beludinga inkxaso, kwaye luyabulela kuwo onke amalungu ecawa athe athatha ixesha lawo ukuze enze lo msebenzi njengenxalenye yokubhiyozela ilifa likaNelson Mandela lokunceda uluntu.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *