Vukani Community Radio

Story: Zimasa Mbandezelo

COFIMVABA – Ayiphumelelanga ukuqhutywa inkqubo yokubhiyozela uSuku loLutsha ebekulindeleke ukuba ibanjwe namhlanje kwilali yaseNququ kuNongqongqwana, emva kokuba iphazanyiswe ngabantu abadala.

Ngokutsho komququzeleli wale nkqubo, uSizwe Nguqe, kufike uBhodi ekunye nabanye ootata baza bayichitha le ndibano, besithi uluntu kufuneka luye kwintlanganiso engxamisekileyo emalunga nemiba yamanzi.

UNguqe uthi baxelelwe ukuba le nkqubo iza kuqhubeka emva kwaloo ntlanganiso, kodwa abo bebelungiselela ukuthatha inxaxheba bathi baphoxekile sesi siganeko, kuba bebezilungiselele ukonwabisa abantwana nolutsha.

UNobukho Nxelana uthi uziva edanile, kuba esi siganeko sibenze babonakala ngathi abakhathali ngabantwana nolutsha lwale lali.

Kwelakhe icala, uAvela Ndlakuse uthi nangona bekukho intlanganiso, bekunokwenzeka ukuba iqhubeke le nkqubo kuba injongo ibikukuhlanganisa ulutsha, ukukhuthaza ubunye nokuzama ukunciphisa imilo phakathi kwabantwana. Uthi eli thuba lokudibanisa ulutsha liphazanyiswe ngabantu abadala.

Okwangoku kusazanywa ukufumaneka konxibelelwano noBhodi ukuze achaze icala lakhe ngalo mba.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *