Vukani Community Radio

Story: Nondumiso Mpaka

NGCOBO – Abahlali baseNgcobo baphinde bavala iindlela zokungena nokuphuma edolophini namhlanje, besithi abakoneliseki ziimpendulo abazifumene kuMasipala uDr AB Xuma malunga nemiba yezothutho.

Zonke iimoto ezithutha abantu, kuquka izithuthi zikawonke-wonke, ziye zamisa phambi kwezakhiwo zikaMasipala, nto leyo ebangele ukuvaleka kwendlela engenayo nephumayo edolophini.

Esi senzo silandela intlanganiso ebibanjwe phakathi kwabahlali baseNgcobo nabasebenza ngezothutho.

Ngokwengxelo, kwintlanganiso kuye kwathathwa isigqibo sokuba abahlali baphinde bangene esitratweni bekhalazela imiba esaqhubeka ingasonjululwa.

Omnye wemiba ephambili ekhalazelwa ngabahlali ngowebhasi ezingena eNgcobo ngaphandle kwee-permit. Abahlali bakwafuna ukuba kuqwalaselwe ezinye izikhalazo abanazo malunga neenkonzo zothutho kunye nendlela ezilawulwa ngayo edolophini.

Okwangoku, amehlo ajonge kwintlanganiso esaqhubekayo, ekulindeleke ukuba iphume nesigqibo malunga namanyathelo aza kulandelwa ngabahlali nabanye ababandakanyekayo.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *