Vukani Community Radio

Lifikelele kwisine inani labarhanelwa abavalelweyo emva kokugetyengwa kwentshatsheli yamanqindi uZolani Tete odutyulwe eMdanysane eNU17 kuLwesihlanu esisuka kuye.

Ingxelo yamapolisa ithi abarhanelwa baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ukuya kumashumi amabini nesibhozo ngokulandelelana.

Ingxelo ihambisa ithi umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala obanjiweyo kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMdantsane namhlanje ejongene netyala lokubulala nokuzama ukubulala, logama abanye abathathu kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi kungekudala.

Osisithethi samapolisa kwiphondo lweMpuma Kapa Ubrigadier Nobuntu Gantana uyacacisa.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *