Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns

KOMANI – Abahlali baseKomani bame ngaphandle kweNkundla kaMantyi eKomani befuna ukuba umrhanelwa ojongene netyala lokubulawa kukaSiyavuya Mlunguza anganikwa ibheyile. UMlunguza kuthiwa wabulawa yindoda ebethandana nayo, kwenye yelokishi zaseKomani eUnifound.

UZimikhitha Soci, ongumhlali waseKomani, uthi kutyholwa ukuba le ndoda ibisele imhlukumeza uMlunguza, esithi esi ibingesosihlandlo sokuqala kusenzeka izinto ezinxulumene nobundlobongela phakathi kwabo.

USoci uthi eyona nto ibuhlungu kukuba esi sehlo senzeke kwinyanga apho kugxilwa kakhulu kwimicimbi echaphazela abasetyhini, esithi uluntu alunakuhlala luzolile ngelixa kusenzeka ubundlobongela obujoliswe kubo.

Uthi abahlali baphume ngobuninzi babo bezokuxhasa usapho lukaMlunguza kunye namanye amaxhoba, besithi abantu kufuneka baxhasane kwaye bangalindi de kwenzeke intlekele ukuze bathathe amanyathelo.

USoci ukwathe ukhuthaza abasetyhini abakubudlelwane apho baphathwa gadalala ukuba bafune uncedo baze baphume kwezo meko, esithi uluntu alunakuba nabantu abenza ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini baze bathule ngabo.

Uthi umyalezo wabo kubantu abenza i-GBV kukuba le ndlela yokuziphatha ayamkelekanga kuluntu, esithi abanakuthula xa kusenzeka ubundlobongela.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *