Vukani Community Radio

Story: Nikilitha Burns / Photos: Lisakhanya Qinisile

EZIBELENI – IZIBELELE ZOLUNTU FOUNDATION IQHUBA I-EMPLOYMENT DAY

I-Zibele Zoluntu Foundation iqhube inkqubo ebizwa ngokuba yi-Employment Day eZibeleni, ejolise ekuxhobiseni uluntu ngezakhono nolwazi malunga namathuba engqesho.

Usihlalo wale foundation, uThina Nkephu, uthi injongo yale nkqubo ibikukubiza uluntu ukuze lufumane ulwazi malunga nendlela olinokuwasebenzisa ngayo amathuba emisebenzi, nokujongana nemiceli mngeni enxulumene nokungabikho kwengqesho.

UNkephu uthi bayavuya ngendlela oluphumelele ngayo olu suku, njengoko abathathi-nxaxheba befumene uncedo nolwazi olunokubanceda ekujonganeni nemiceli mngeni ejongene nabo. Uye wabulela wonke umntu othe wathatha inxaxheba kule nkqubo.

Kwelinye icala, uLelethu Nkhakhi uthi le nkqubo ibalulekile, ingakumbi kulutsha, njengoko iza kubanika amathuba okufumana umsebenzi kunye nokubaxhobisa ngezakhono eziyimfuneko ukuze bakwazi ukuzimela.

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *