Story: Zimasa Mbandezelo / Photos: Supplied
TSOMO – Luphulukene nolunye ilungu losapho usapho lakwa Fayindlala kwilali yakuGqumenya, eTsomo.
Esi sithwakumbe silandela emva kokuba umama wabantwana abathathu kunye nomyeni wakhe batsha endlini kwisithuba senyanga kaJuly. Umama wabantwana abathathu ababhubhela kwindawo yexhwayelo logama yena wangeniswa esibhedlele nalapho ze ngomhla we 27 kwinyanga esisuka kuyo walandulela eli.
Ngokutsho kuka Phumle Fayindlala ongumyeni ka mfikazi, uNkosikazi wakhe ubhubhe emva kwethuba noko ecenga impilo esibhedlele phantsi kweliso loogqirha. Ukwathi noxa kungekho kuninzi abakucelayo belikhaya kwelityeli kodwa kusemdleni ukucela izandla kuluntu kwakunye norhumumente kuvuselelwe isakhiwo selakhaya nanjengoko umzi watsha waphela.
Ukwathi umama uFayindlala kulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngomhla weshumi elinesibini ngoMgqibelo esikhangele kuye.
Kunjalo, uCeba kwa Eard 12 uZukile Cekiso okwanguCeba wakuGqumenya uthi sibuhlungu isehlo esehlele elikhaya nanjengoko ingabantu abangathathi ntweni, ebongoza kuluntu lufake isandla nanjengoko ngoku iinzame izezokwakhiwa kwendlu kwikhaya lakwa Fayindlala. UCekiso ungqinile ukuba kwelikhaya kwatsha nesipeliti ngoko bayaludinga uncedo kangangoko umntu lonto akwazi uncedisa ngayo.
