Story: Asive Matwa
GATYANA – Oosomashishini abasakhasayo abaquka abalimi, abavelisi bokutya kunye nabathathi-nxaxheba kwezolimo kumasipala wase Mbhashe bebebonisa iimveliso zabo kwaye baqhagamshelane nabathengi abanokubakho kwi-Eastern Amathole Agriculture and Food Trade Fair.
Lo msitho ujonge ukudala amathuba kosoomashishini basekuhlaleni kunye nabavelisi bokutya abasakhasayo ukuba bafikelele kwiimarike ezintsha, bakhuthaze iimveliso eziveliswe eMbhashe kwaye baqinise urhwebo lwezolimo kulommandla.

Omnye wosomashishini uNomawethu Ntantala uthi lenkqubo ibaxhobisa ngolwazi nanjengoko behlala emaphandleni nalapho kungqongophele ulwazi kubo.
