Story: Zimasa Mbandezelo
COFIMVABA – Kunikezelwe ikontrakthi yokulungiswa kwendlela i-RD 08050, enqumla e-Township, isuka ku-R61 isiya kwilali yaseNtlonze, iphele eMtyhintyini. Le projekthi ixabisa izigidi ezibini namakhulu amahlanu amawaka eerandi (R2 500 000.00) kwaye kulindeleke ukuba igqitywe kwisithuba seenyanga ezintathu.
Nangona kunjalo, imali ebekelwe le projekthi ibangele inkxalabo phakathi koluntu. Abanye abahlali baye bavakalisa ukungoneliseki, besithi kwi-Integrated Development Plan (IDP) kwakuchazwe ukuba le projekthi iza kubiza malunga nezigidi ezintathu zeerandi (R3 000 000.00).
Oyintloko kwiCandelo loPhuhliso, uCllr Skotana, uye wacacisa ngalo mba, ecacisa ukuba kutheni kukho umahluko phakathi kwemali eyayichaziwe kwi-IDP kunye nemali ekugqibeleni enikezelwe kwikhontrakthi.
Ongumhlali, uThobela Mgudlwa, uthi uluntu luyakuvuyela kakhulu ukulungiswa kwale ndlela, kuba sele kulithuba elide ikwimeko embi.
