Story: Nikilitha Burns
EZIBELENI – Inkampani yezothutho lukawonke-wonke iMayibuye Transport Corporation yazise ngokusesikweni ngeebhasi zayo zobuchwepheshe ezenzelwe ukuququzelela ukuhamba kwabantu abasebenzisa izitulo ezinamavili.
Ezi bhasi zisebenzisa inkqubo yamakhadi okubhatala endaweni yemali ezinkozo, nalapho abakhweli banikwa amakhadi abawasebenzisayo xa behlawulela uhambo lwabo.
Ethetha ngeli nyathelo, uMphathiswa weSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi uyakuvuyela ukuqaliswa kwezi bhasi, esithi urhulumente uzimisele ukuphucula umgangatho wezothutho lukawonkewonke.
UNqatha uthi amakhadi aza kusetyenziswa kwezi bhasi aza kuba nezaphulelo ezijolise kumaqela athile oluntu, aquka abantu abakhubazekileyo, abadla umhlala-phantsi nabafundi, abaza kufumana isaphulelo se-10 ekhulwini. Kanti abanye abakhweli baza kufumana isaphulelo se-5 ekhulwini.
Kwelinye icala, iGosa eliyiNtloko lesiGqeba seMayibuye Transport Corporation, uNomphelo Pashee Rhoboji, uthi ukusetyenziswa kwamakhadi kujolise ekunciphiseni ukubiwa kwemali kubakhweli.
URhoboji uthi inkampani ineebhasi zobuchwepheshe ezilishumi, eziza kusebenza kwiindawo zayo ezahlukeneyo zokupaka nokulawula iibhasi, ngenjongo yokuphucula ukufikeleleka kweenkonzo zezothutho kubantu abakhubazekileyo.
