Story: Asive Matwa
DUTYWA – Abanye babakhweli bezithuthi bavakalise ukungaxoli ngento abayibiza ngokuba kukulibaziseka ngethuba logqogqo kuhola wendlela uN2 eQora eDutywa, nobelubanjwe ngamasebe ohlukileyo ka rhulumente naquka inkonzo yesiPolisa, amagosa ezendlela kunye namagosa wogcino mthetho kamasipala wase Mbhashe.
Usodolophu womasiapal wase Mbhashe uDr Samkelo Janda nobeyinxalenye yolugqogqo, uthi injongo kukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni, ukulwa iqondo lolwaphulo mthetho, kwanezithuthi ezingekho kumgangatho wokulungela ukuba sendleleni.
UJanda ukwathi eliphulo zinzame zokunqanda neengozi ezindleleni, kukwajongwa izithuthi ukuba zikumgangatho ofanelekileyo ukuba sendleleni.
