Story: Zimasa Mbandezelo
Umbutho weeNkosana, iReal Royal Leaders of Eastern Cape, uthi awuvumelani ne-form entsha ekhutshwe yiNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni eza kusetyenziswa ngamakhwenkwe azakuya esuthwini ngexesha lolwaluko lwasebusika.
Usihlalo wombutho, Mongezi Majeke, uthi le form intsha iza kubangela ukwanda kwamakhwenkwe aya esuthwini ngokungekho mthethweni. Uthi oku kunokunyusa amanani okusweleka kwabakhwetha kuba iform ifumaneka kuphela kwiinqila zeenkosi, nto leyo eyahlukileyo kwindlela eyayisetyenziswa kwiminyaka edlulileyo.
UMajeke ukwagxeke nengxelo ethi umkhwetha ongayiphathanga le form usenokungancedwa kwiziko lezempilo. Uthi le nkqubo ayibancedi abazali, ngakumbi kwiintsapho apho abazali sele bekhulile kwaye benobunzima bokufikelela kwiindawo ezikhupha la maxwebhu.
Kwelinye icala, UNkosi Gwazinamba Matanzima uyazikhaba ezi nkxalabo. Uthi akukho mkhwetha uza kubhubha ngenxa yeform, kwaye injongo yale nkqubo kukukhusela abantwana kunye nesiko lolwaluko.
Uthi iinkosi zinezitampu ezikhutshwa kwiinqila ukuze kuhlangatyezwane neemfuno zoluntu kwiimeko ezahlukeneyo. Ucacise ukuba abantu abagunyazisiweyo ukugximfiza okanye ukutyikitya amaxwebhu baya kwenza njalo ngokulandela imithetho nemigaqo ebekiweyo.
