Story: Nikilitha Burns
KOMANI – Kuvulwe ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwaseBusika kwiphondo leMpuma Koloni. lomsitho ububanjelwe eThobi-Kula Indoor Sports Centre kuKomani nobuzinyaswe ziinkosi, amagosa ahlukeneyo karhulumente, iinkokeli zoluntu kwakunye noSodolophu wesithili sase Chris Hani.
Ethetha kulo msitho, uSodolophu uLusanda Sizani ubongoze abazali ukuba baqinisekise ukuba akukho migubho apho kuselwa khona utywala phambi kokuba amakhwenkwe aye esuthwini. Uthi ukuselwa kotywala kule migubho kudla ngokubangela ukuba amakhwenkwe aphelelwe ngamanzi emzimbeni, nto leyo enokubeka impilo yawo emngciphekweni. Uye wagxininisa nokuba amakhwenkwe makangahlali ixesha elifutshane esuthwini, koko makagqibe ixesha elifanelekileyo ngokwesiko.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (CoGTA) eMpuma Koloni, uZolile Williams uthi kubalulekile ukuba bonke abaya esuthwini babe neemvume ezisemthethweni ukuze kube lula ukulandelela nokukhusela impilo yabo. Uthi abazali mabathathe abantwana babo baye kuhlolwa kumaziko ezempilo phambi kokuba baye esuthwini.
UWilliams ukwagxeke nezenzo zokucalula nokugxeka amakhwenkwe agulayo aze athunyelwe esibhedlele ngexesha lokwaluka. Uthi impilo nobomi babantwana kufuneka kube yeyona nto iphambili, waze wabongoza onke amasebe karhulumente ukuba asebenzisane ukuqinisekisa ukuba amakhwenkwe aya esuthwini ephila aphinde abuye ephila. Uye wakhalimela nesenzo esidla ngokwenzeka sokuphathela abakhwetha utywala.

Kusenjalo, uNkosi uGwazinamba Matanzima uthi akukho nto ishiyekileyo ekulungiseleleni ixesha lolwaluko nokukhusela amakhwenkwe. Uthi kuqinisekisiwe ukuba iingcibi namakhankatha asebenza kwiindawo zolwaluko ngabantu abaqeqeshiweyo nabaneempepha ezisemthethweni. ukwathe amagosa omthetho aza kuqhubeka nokuhlola iindawo zolwaluko ukuqinisekisa ukuba akukho mntu wenza izinto ezingekho mthethweni okanye ezibeka ubomi babantwana emngciphekweni.

