Story: Linda Magazi
Ngabafundi bebanga leshumi abangamashumi amathathu anesibhozo besikolo samabanga aphakamileyo iMkhaphusi Senior Secondary School eCacadu abathe banikezwa izixhobo zokuchophela iimviwo yinkampani yabangcwabi ebizwa Abaveleli Funeral Directors.
Oyinqununu kwesisikolo umnumzana uM. Fumba uthi bayabulela kakhulu besisikolo kuba imfundo yeyonanto ibalulekileyo, kwaye kudala besilwa ngokuqinisekisa imfundo kule ngingqi ukuba iphala phambili. Ekwathi oku kuzakutshintsha into yokuba le nkampani yaziwe njengenkampani yokungcwaba kuphela kodwa inkampani ekwaziyo ukubuyisela ebantwini esebenzisana nabo kakhulu.
Olilungu lolawulo lwesisikolo umama uLande uthi bayabulela ngezizipho ezithe zanikwa abantwana babo kuba oku kuthetha inkuthazo emandla kwicala lezemfundo.
Omele abafundi uSomeleze Thuthela uthethe egameni labafundi bebulela ngeligxathu elithe lenziwa nga Baveleli esithi bayabulela kakhulu.

