Story: Khaya Gwentshe
Abahlali baseCala neelali ezingqongileyo bathi bajongene nobunzima ngenxa yokonyuka kweendleko zokuphila eMzantsi Afrika, logama ukonyuka kwamaxabiso epetroli kubeka uxinzelelo olongezelelekileyo kwiindleko zezithuthi zikawonke-wonke.
Le meko ichaphazele kakhulu ishishini labaqhubi bezithuthi zika wonke-wonke(taxis), apho abaqhubi besithi bayasokola ukugcina amashishini abo eqhuba, logama abakhweli bekhalaza ngokuba kuya kubanzima ukuhlawula imali yokukhwela.
Abaphathi beXhalanga Taxi Association eCala bachaze ukuba ukonyuka okuqhubekayo kwamaxabiso epetroli kuchaphazela kakubi icandelo lezothutho.
ULucky Zwana wombutho uthe abanini beeteksi abasafumani nzuzo ibonakalayo kwaye ngoku basebenza kabuhlungu beqinisekisa ukuba uluntu lusenako ukufumana izithuthi.
Ucacise ukuba ishishini liqhuba ngelahleko, kodwa abaqhubi bayaqhubeka nokusebenza kuba abantu abaninzi baxhomekeke kwizithuthi zikawonke-wonke mihla le. UZwana wongeze ngelithi ukonyuka kwamaxabiso epetroli, iindleko zokulungiswa kweemoto nezinye iindleko zokusebenza zenza kube nzima kubanini beeteksi ukugcina amashishini abo ngaphandle kokunyusa imali yokukhwela.
Unobhala wombutho naye uvumile ukuba abakhweli, ingakumbi abantu abadala abavela kwiilali ezikufutshane, bahlala besiya kwii ofisi zabo bekhalaza ngokonyuka kwemali yokukhwela. Uthe umbutho uyabuqonda ubunzima obujongene noluntu, kodwa wagxininisa ukuba ukonyuka kwemali yokukhwela kungaphaya kwamandla abo kuba kunxulumene ngokuthe ngqo nokonyuka kwamaxabiso e-petrol.
Uthe abantu abadala bahlala bevakalisa inkxalabo ngeendleko zothutho, logama umbutho ungenazo ezinye iindlela ngenxa yokonyuka okuqhubekayo kwamaxabiso epetroli. Ukwacebise ukuba iintsapho zizame ukunciphisa iindleko zothutho ngokuthumela umntu omnye kuphela edolophini endaweni yokuba kuhambe abantu abaninzi ngaxeshanye.
Kusenjalo, abantu abadala abaxhomekeke kakhulu kwizithuthi zikawonke-wonke bathi ukonyuka kwemali yokukhwela kuyabongeza ubunzima kwezemali.
Ngusenjalo, umhlali wase Upper Indwana ongumxhamli kwisibonelelo sikarhulumente oxhomekeke kwizithuthi zikawonke-wonke uthe abantu abafana naye abaqondi ngokupheleleyo indlela ekubalwa ngayo ukonyuka kwemali yokukhwela.
Wongeze ngelithi abantu abadala banemali encinci kakhulu, kwaye okukonyuka kwamaxabiso lubachaphazela kakhulu. Ukwabongoze iinkokeli zeeteksi ukuba ziqwalasele imeko yezemali yabantu abadala phambi kokunyusa imali yokukhwela, esithi kwanokunyuka okuncinci kunefuthe elikhulu kubantu abaphila ngemivuzo emincinci.
Njengoko amaxabiso epetrol eqhubeka nokonyuka eMzantsi Afrika, abaqhubi beeteksi kunye nabakhweli kwiindawo ezisemaphandleni bathi bajongene nemeko enzima, logama iindleko zothutho ziqhubeka nokonyuka kuye wonke umntu.
